Izipho zethu esinazo aph'emhlabeni Sazikhethelwa ngoMoya Ndisi s'thunywa se ngoma Ndiphathisiwe Andihambi ndedwa bakhona abanye Xa kungathiwa kuqalwa phantsi abuze uQamata Ndisinike bani esi sipho? Khetha mna... Sonini na nini... Kwasekuqaleni Ndingeka zalwa, wawubaz' ubomi bam Kwasekuqaleni Ndingekaveli, wawulaz'ikamva lam Amaginxiginxi, nezivungu vungu Zobomi bam zaziwa nguWe Nesisipho esihle kangaka Ndiyasamkela, ndithi Sonini Khetha mna... Sonini na nini... Bawo somandla mdali Ndicela ukubulela Ngesipho esihle kangaka Smakade sohlala sil'dumisa igama lakho Sibe sicula u amen amen amen... Khetha mna... Sonini na nini... Simakade...