Nalamanzi siwaselayo siwanikwe nguwe
Nokukutya sikutyayo sikuphiwe nguwe

Wazidala into zonke wena thixo wedwa
Akwancedwa nangubani ukuzenza kwakho

Nalamanzi siwaselayo siwanikwe nguwe
Nokukutya sikutyayo sikuphiwe nguwe

Yey! kwakufik' utshaba lwabo lwabahlutha zona
Bakudela wena thixo beva izwi lalo

Nalamanzi siwaselayo siwanikwe nguwe
Nokukutya sikutyayo sikuphiwe nguwe

Wathukuze basindiswe wenza ngezibele
Wabanika unyana wakho eze kubafela

Amen amen amen...